1. *UNdikhoyo wanika uMosis noAron le miyalelo,
2-3. ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa.
7. Inyama yehagu mayingatyiwa. Kaloku ihagu ineempuphu ezicandekileyo, kodwa ayetyisi.
8. Inyama yezinto ezinjalo maningayityi, ningazichukumisi naxa zifileyo, kuba *zinomlaza.”
9. Kwezasemanzini ningazitya zonke iintlanzi ezinamaphiko okugwedla namaxolo.
10. Kodwa ke nantoni na engenamaphiko namaxolo ehlala emanzini ze ningayityi.
11. Ezinjalo azityiwa; musani ukuzichukumisa naxa zifile.
12. Nayiphi na into esemanzini engenamaphiko namaxolo inezothe.
13-19. Mazingatyiwa ezi ntlobo zeentaka: oomakhozi, oozikhova, oontloyiya, oozilwangangubo, oozintsikizi, oomaxhalanga, oonomyayi, oozinciniba, ookhwalimanzi, oozingwamza, oozintambanane, oozingcwangube, oomangaba-ngaba, oobhobhoyi, oomalulwane.
20. Zonke izinambuzane ezizitho zine eziphaphayo azityiwa,