Eyonqulo 10:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. *UNdikhoyo wabhekisa kuAron, wathi:

9. “Wena noonyana bakho nize ningangeni *esibingelelweni xa benisele. Niya kufa ukuba niyenzile loo nto. Lo mthetho uze uthotyelwe nazizizukulwana.

10. Nize nicalule phakathi kwento eyahlulelwe uThixo nento engahlulelwanga yena, naphakathi kwento *enomlaza nento engenamlaza.

11. AmaSirayeli ze niwafundise yonke imimiselo endaninika yona ngoMosis.”

12. UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele.

13. Nize nizityele endaweni ekhethekileyo; sisabelo senu eso esithathwa kwiminikelo eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Loo nto yathethwa kum nguNdikhoyo.

Eyonqulo 10