9. “Ngoku ndiza kwenza umnqophiso nani kwakunye nenzala yenu,
10. nazo zonke izinto eziphilayo: izilo zonke, kunye nempahla efuyiweyo, neentaka zonke; nditsho yonke into ebisenqanaweni kunye nani.
11. Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.
16. Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni.
17. Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”
18. UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.)
19. Oonyana bakaNowa bobathathu ngookhokho babo bonke abantu elizweni.
20. UNowa owayengumlimi waqala ngokulima umdiliya.
21. Akuba esele iwayini uNowa wanxila, wakhulula, walala ze egumbini lakhe.