2. Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu.
3. Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku.
4. Into eningayi kuyitya yinyama yento engophanga. Andiyivumeli loo nto, kuba igazi libubomi.
5. Umntu obulala omnye umntu unetyala. Nasiphi na isilwanyana esibulala umntu ndiya kusibulala.
6. Umntu wenziwa wangumfuziselo kaThixo, nabani na ke obulala omnye umntu naye uya kubulawa kwangomnye umntu.
7. “Ze nichume nande, ukuze inzala yenu ilizalise ilizwe.”
8. Uqokele wathi uThixo kuNowa nakoonyana bakhe:
9. “Ngoku ndiza kwenza umnqophiso nani kwakunye nenzala yenu,
12-13. Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.
14-15. Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula.
16. Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni.
17. Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”
18. UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.)
19. Oonyana bakaNowa bobathathu ngookhokho babo bonke abantu elizweni.