Eyeziqalo 9:1-12-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. UThixo wamthamsanqelisa uNowa kunye noonyana bakhe, esithi: “Qhamani nande, nizalise ihlabathi ngenzala yenu.

10. nazo zonke izinto eziphilayo: izilo zonke, kunye nempahla efuyiweyo, neentaka zonke; nditsho yonke into ebisenqanaweni kunye nani.

11. Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.

12-13. Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.

Eyeziqalo 9