Eyeziqalo 6:10-22 Ibhayibhile (XHO96)

10. UNowa wayenoonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete.

11. Lonke uluntu lwalonakele phambi koThixo. Abantu babeziindlobongela zezijama-nkungwini ezigqibe lonke ilizwe.

12. Walibona lonakele ilizwe uThixo, kuba abantu babeziphethe kakubi.

13. Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela.

14. Wena zenzele inqanawa ngamaplanga, ibe namagumbi, uyiqabe itha ngaphandle nangaphakathi.

15. Uzuyenze ibe likhulu leemitha namashumi mathathu anantathu ubude, ibe ngamashumi mabini anambini eemitha ububanzi, zibe lishumi elinesithathu iimitha ukuphakama.

16. Uzuyifake uphahla inqanawa, ushiye isithuba esingamashumi amane anane eesentimitha sibe phakathi kophahla namacala eendonga zenqanawa. Yenze ibe nemigangatho emithathu, ibe nomnyango ecaleni.

17. Ndiza kuthumela izantyala-ntyala zemvula elizweni, zibhubhise yonke into ephilayo. Kuza kufa yonke into,

18. kodwa wena ndiza kukwenzela umnqophiso. Ngena enqanaweni nomkakho kunye noonyana bakho nabafazi babo,

19-20. ungenise enqanaweni inkunzi nemazi kwiindidi zonke zezilwanyana neentaka, zona eziya kuza kuwe ukuze zisinde.

21. Uze uphathe iindidi zonke zokutya kwabantu nezilo.”

22. Wayenza yonke loo nto wayixelelwa nguThixo uNowa.

Eyeziqalo 6