Eyeziqalo 5:27-30 Ibhayibhile (XHO96)

27. Wabhubha emakhulu asithoba namashumi mathandathu anesithoba ubudala.

28. ULameki wayenekhulu linamashumi asibhozo anambini ukuzala kwakhe unyana.

29. Wathi yakuvela loo nkwenkwe: “Lo mntwana uza kusithuthuzela ekubulalekeni kulo mhlaba uqalekisiweyo *nguNdikhoyo.” Wathi ke igama lakhe nguNowa.

30. ULameki wahlala amakhulu amahlanu anamashumi asithoba anesihlanu emva koko. Wazala nabanye abantwana.

Eyeziqalo 5