27. Wabhubha emakhulu asithoba namashumi mathandathu anesithoba ubudala.
28. ULameki wayenekhulu linamashumi asibhozo anambini ukuzala kwakhe unyana.
29. Wathi yakuvela loo nkwenkwe: “Lo mntwana uza kusithuthuzela ekubulalekeni kulo mhlaba uqalekisiweyo *nguNdikhoyo.” Wathi ke igama lakhe nguNowa.
30. ULameki wahlala amakhulu amahlanu anamashumi asithoba anesihlanu emva koko. Wazala nabanye abantwana.