5. “USimon noLevi ngoonyongande kuzalana;zizibhoja ezixhel' abantu ngezixhobo zazo.
6. Andiwangeni amayelenqe abo;andinanxaxheba kwigqugula labo.Kaloku bagwint' abantu ngenxa yephuku;bangxwelerh' iinkomo ngenxa yemfeketho.
7. Linelishw' iphuku labo, kuba liyankwantyisa;unelishw' umsindo wabo, kub' ukhohlakele.Bona ndobabhacisa kulo lonke elakwaYakobi,babe ziintsalu kwelakwaSirayeli.
8. “UJuda yintw' edunyiswa ngamawayo;yintw' ezithe xhakamfu ngesixhanti iintshaba zayo,intw' ekhahlelwayo ngabantakwayo.
9. UJuda ndithi yintw' enga yingonyama,yintw' echwechwel' ixhoba,ibuy' ibuthume esikhundleni sayo;buthuthu izolile, ingabe iphazanyiswe nto.
10. NguJuda opheth' umsimbithi wokulawula.Uya kuhlala elawula njalo,ade afike umniniwo,izizwe zikhahlele kuye ngentobeko.