Eyeziqalo 49:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. “Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.

21. “UNafetali yena lixhama lasendle;intw' ezala amaduna namathokazi.

22. “UJosefu ngumdiliya omi ngasemthonjeni;intw' emaseb' afukufuku, aqabel' ezindongeni.

23. Yintw' ehlaselwa ziintshaba zayo,ziyisukele ngeentolo nezaphetha.

24. Kodwa olwakhe utolo alugungqi,neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi,yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.

25. NguThixo kayihlo okuncedayo;nguThixo uSomandla okuthamsanqelisayo ngeemvula zaphezulu,nangamanzi aphuma enzulwini ngaphantsi komhlaba.Nguye okuthamsanqelisa ngabantwana nangemfuyo.

Eyeziqalo 49