1. UYakobi wabiza oonyana bakhe, wathi: “Sondelani ndinixelele ngekamva lenu:
2. “Ndingqongeni nibek' iindlebe, zinto zikaYakobi;mbekeleni iindlebe uyihlo uSirayeli.
3. “URubhen lizibulo lam;ndazibon' amandla ngaye;ubudoda bam ndabuqonda ngaye.Ngoyena unamandla;ngoyena unewonga koonyana bam bonke.
4. Kambe ke akasayi kutshatshela.Yintw' efan' igqabhuke okomsinga wamanzi,kuba yangena iqadi likayise,yasixabhel' isilili soyise.
5. “USimon noLevi ngoonyongande kuzalana;zizibhoja ezixhel' abantu ngezixhobo zazo.