Eyeziqalo 48:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Akuva uSirayeli ukuba unyana wakhe uJosefu wayeze kumbona, wazomeleza wavuka wahlala emandlalweni.

3. UYakobi ubalisele uJosefu wathi: “UThixo uSomandla wavela kum ndiseLuzi kwilizwe laseKanana, wandithamsanqelisa.

4. Wathi: ‘Ndiya kukupha inzala eninzi, ize loo nzala ibe zizizwe ngezizwe. Ndokunika lo mhlaba, ube lilifa lenzala yakho naphakade.’ ”

5. Uqokele wathi uYakobi: “Naba nyana bakho ke babini, Josefu, aba bazalelwe apha eJiputa ndingekafiki, ngabam. UEfrayim noManase ngoonyana bam ncam njengoRubhen noSimon.

6. Xa uthe wazala nyana bambi, abo ke abayi kuba ngabam. Elabo ilifa bolizuza ngoManase noEfrayim.

7. Le nto ndiyenza ngenxa kanyoko uRakeli. Ndaba buhlungu kakhulu ukubhubha kwakhe eKanana, kufuphi ne-Efrata, xa ndandivela ePadan. Ndamngcwaba apho ngakuloo ndlela iya e-Efrata.” (IEfrata yaziwa ngokuba yiBhetelehem.)

Eyeziqalo 48