3. Wenjenje uJosefu ukuthetha nabantakwabo: “NdinguJosefu. Nithi ubawo usaphila?” Bakukuva oko abantakwabo bothuka, ababi nako nokuthetha.
4. Uthe uYosefu: “Sondelani.” Basondela, wathi: “Ndingumntakwenu uJosefu enamthengisa eJiputa.
5. Sanukukhathazeka okanye nizohlwaye ngenxa yokuba nandithengisa apha. NguThixo owathi mandinandulele, ukuze kusinde abantu.
6. Lo isengowesibini unyaka wendlala; kuseza eminye emihlanu, kungàlinywa, kungàvunwa.
7. NguThixo owathi mandize ngaphambi kwenu apha, ukuze nisinde ngale ndlela imangalisayo, kusinde nenzala yenu ngangokuba ingako.
8. Ayinini ke ngoko abandizisa apha, nguThixo. Nguye ondenze umphathiswa kakumkani ophethe lonke eli lizwe nolawula iJiputa iphela.
9. “Ngoku ke khawulezani niye kubawo, nithi ndithi, mna Josefu unyana wakhe, uThixo undenze umlawuli weJiputa iphela. Makakhawuleze eze kum.
10. Angema kulaa mmandla waseGoshen, apho aya kuba kufuphi nam. Makeze nabantwana bakhe, abazukulwana, iigusha, iibhokhwe, iinkomo, konke okwakhe.
11. Ndombonelela elapho, kuba kusasele eminye iminyaka emihlanu yendlala, yaye andifuni afe yindlala, yena nendlu yakhe, nento yonke anayo.”
12. Uqhube wathi uJosefu: “Niyaqonda ke nonke ngoku ukuba ndinguJosefu, nditsho nawe Bhenjamin.
13. Ze nimxelele ubawo ngamagunya endinawo apha eJiputa, nimbalisele ngayo yonke into eniyibonileyo. Nikhawuleze ke, nize naye apha.”
14. Wawola uBhenjamin umntakwabo, walila, noBhenjamin walila emgonile.
15. Esalila njalo wabagona abantakwabo, wabancamisa. Baqala ukuncokola naye ke abantakwabo emva koko.
16. Zakuvakala komkhulu iindaba zokuba uJosefu ufikelwe ngabantakwabo, ukumkani namaphakathi bavuya.
17. Wathi kuJosefu: “Xelela abantakwenu ukuba balayishe ukutya kwabo, baye eKanana,
18. bafike apho baxelele uyihlo kunye neentsapho zenu ukuba bafudukele eJiputa. Ndobanika eyona ndawo ilungileyo kwelaseJiputa ukuba bahlale khona, babe nenxaxheba kwindyebo yalapha.”
19. Wathi mabathathe neenqwelo zokufudusa iintsapho zabo, beze naye noyise.
20. Watsho esithi: “Ze ningazixhamli ngezinto eziya kusala eKanana; niza kuzuza ezona zixabisekileyo apha eJiputa.”
21. Benza njengoko babeyalelwe oonyana bakaSirayeli. Banikwa iinqwelo nguJosefu ngokomyalelo kakumkani, kwakunye nomphako.