Eyeziqalo 45:24-28 Ibhayibhile (XHO96)

24. Wabandulula abantakwabo, bemka. Wabayala esithi: “Ze ningalwi endleleni.”

25. Banduluka eJiputa, baya kufika eKanana kuyise.

26. Bafika bathi: “UJosefu uyaphila! Nguye umphathiswa waseJiputa!” Wathi nqa yiloo nto uYakobi, engakholwa.

27. Bakumxelela konke okwathethwa nguJosefu, wazibona neenqwelo awayezithumele, watsho wahlaziyeka emphefumlweni.

28. USirayeli wathi: “Usaphila uJosefu umntwanam! Nantso nje qha into endiyifunayo: mandiye kumbona ndingekafi.”

Eyeziqalo 45