27. Wathi ubawo: ‘Niyazi ukuba umkam uRakeli wandizalela oonyana ababini kuphela.
28. Omnye unyana akasekho; kunokuba waqwengwa zizilwanyana, kuba akazange abonwe oko wemkayo.
29. Xa ke nifuna ukuhamba naye nalo, aze angabuyi, ingandixhela loo nto ngoku sendimdala.’
30-31. “Ke ngoko, mhlekazi,” utshilo uJuda, “ukuba ndingabuyela ekhaya ingekho le ntwana, ubawo angafa zisuka nje xa aphawula ukuba ayikho. Akasenako ukwahlukana nale nkwenkwe. Selaluphele kangangokuba angafa.