5. Uphinde walala, wabuya waphupha kwakhona. Ubone izikhwebu ezisixhenxe zengqolowa, zizihle, zivuthiwe, zikhula kwisikhondo esinye.
6. Kusuke kwantshula ezinye izikhwebu zengqolowa. Ezo zazintshwenyile, zimbatshiswe lulophu lwasempumalanga.
7. Ezo zikhwebu zazintshwenyile zazithi bimbilili eziya zihle izikhwebu. Uphaphamile ukumkani, waza waziqonda ukuba ubephupha.
8. Kwasa ekhathazekile yile nto, waza wathi makubizwe zonke izanuse noosiyazi baseJiputa. Wabalawulela amaphupha akhe, kodwa bonke batsho phantsi, ababi nako ukuwachaza.
9. Kuvele injoli, yathi kukumkani: “Mandiyivume namhla into yokuba ndenze impazamo.
45-46. Watsho ke ethiya uJosefu igama abizwa ngalo eJiputa elinguZafenati-paneya, wamzekela nomfazi, uAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.Ukuqala kwakhe ukungena kwakumkani waseJiputa wayemashumi mathathu ubudala uJosefu. Wemka ebhotwe, walijikeleza lonke elaseJiputa.
47. Ngale minyaka isixhenxe yendyebo saba sikhulu kakhulu isivuno.
48. Wasivalela koovimba isivuno uJosefu kuzo zonke iidolophu. Kwidolophu nganye wayeqokelela ukutya okuvunwe kumasimi alapho.
49. Ingqolowa yayiyintaphane kangangokuba wada wayeka ukuyiveyisha uJosefu. Yayingangentlabathi ukuba ninzi kwayo.
50. UAsenati intombi kaPotifera, umbingeleli waseOni, wazalela uJosefu oonyana ababini ngaphambi kwendlala.
51. Unyana olizibulo wathi igama lakhe nguManase, kuba esithi: “UThixo undiphumzile ndatsho ndazilibala iinkxwaleko zam, andawakhumbula namawethu.”
52. Owesibini unyana wathi nguEfrayim, kuba esithi: “UThixo undiphe inzala kwilizwe endihlupheke kulo.”
53. Yaphela ke yona iminyaka yendyebo eJiputa,
54. yagaleleka iminyaka yendlala, kanye njengoko wayetshilo uJosefu. Kwalanjwa kuwo onke amanye amazwe, kodwa kulo lonke elaseJiputa kwakukho intlutha.
55. Athe akulamba amaJiputa, aya kuzicelela ukutya kukumkani. Wathi ke yena makaye kuJosefu, aze enze loo nto awayalela yona.
56. Yakhula indlala, yaligqiba lonke elaseJiputa. Wabavula ke oovimba uJosefu, wawathengisela ingqolowa amaJiputa.
57. Babevela ngeenkalo zonke abantu elizweni, beze kuthenga ingqolowa kuJosefu, kuba indlala yayiligqugqisile lonke.