Eyeziqalo 41:27-39 Ibhayibhile (XHO96)

27. Zona iimazi ezisixhenxe ezinqinileyo, ezivele mva, kwakunye nezikhwebu ezisixhenxe ezibi, ezitshaziswe lulophu lwasempumalanga, yiminyaka esixhenxe yendlala.

28. Kunjengokuba besenditshilo, mhlekazi, uThixo ubekuxelela into aza kuyenza.

29. Kuza kubakho iminyaka esixhenxe yendyebo kulo lonke elaseJiputa,

30. emva koko kubekho iminyaka esixhenxe yendlala; yaye yonke loo minyaka yendyebo iya kuba ngathi ayizange yabakho ngenxa yendlala eya kuligqiba lonke ilizwe.

31. Koba ngathi akuzange kubekho ntlutha, kuba indlala eyolandela yoba yeyoyikekayo.

32. Ukuphinda-phindwa kwephupha lakho kuthetha ukuthi uThixo selesenzile isigqibo, yaye uselembovu ukuyenza le nto.

33. “Ngoko ke, mhlekazi, khetha indoda elumkileyo, enamava, uyenze umphathiswa kweli lizwe.

34. Kufuneka utyumbe nabanye abaphathi abaza kugcina isihlanu sesivuno kule minyaka isixhenxe yendyebo.

35. Kufuneka bakuqokelele ukutya kule minyaka izayo yendyebo, babe negunya lokuvula oovimba ezixekweni, kugcinwe apho.

36. Kukutya okugciniweyo kaloku okuya kondla abantu kwiminyaka yendlala eya kulandela kweli laseJiputa. Ngale ndlela ke abasayi kulamba abantu.”

37. Ukumkani namaphakathi akhe balivuma eli cebo likaJosefu,

38. watsho esithi kubo: “Ngaba singafumana ndoda yimbi ngaphandle koJosefu, umfo owambathiswe ngoMoya kaThixo?”

39. Ubhekise kuJosefu ke ukumkani, wathi: “Nguwe oyiboniswe nguThixo le nto yonke. Kucacile ke ukuba asinakubuya sifumane mntu wumbi onobulumko namava, ingenguwe.

Eyeziqalo 41