2. apho kwathi gqi iimazi zeenkomo ezityebileyo ezisixhenxe, ziphuma emlanjeni, zigramza apho phezu komlambo.
3. Kuthe thu ezinye iimazi ezinqinileyo, ezikwasisixhenxe. Zafika zema ngakwezo zaziphezu komlambo.
4. Zaza ezo mazi zinqinileyo zazithi bimbilili ezo zityebileyo. Kwesi sithuba waphaphama ukumkani.
5. Uphinde walala, wabuya waphupha kwakhona. Ubone izikhwebu ezisixhenxe zengqolowa, zizihle, zivuthiwe, zikhula kwisikhondo esinye.
6. Kusuke kwantshula ezinye izikhwebu zengqolowa. Ezo zazintshwenyile, zimbatshiswe lulophu lwasempumalanga.
7. Ezo zikhwebu zazintshwenyile zazithi bimbilili eziya zihle izikhwebu. Uphaphamile ukumkani, waza waziqonda ukuba ubephupha.
8. Kwasa ekhathazekile yile nto, waza wathi makubizwe zonke izanuse noosiyazi baseJiputa. Wabalawulela amaphupha akhe, kodwa bonke batsho phantsi, ababi nako ukuwachaza.
9. Kuvele injoli, yathi kukumkani: âMandiyivume namhla into yokuba ndenze impazamo.
45-46. Watsho ke ethiya uJosefu igama abizwa ngalo eJiputa elinguZafenati-paneya, wamzekela nomfazi, uAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.Ukuqala kwakhe ukungena kwakumkani waseJiputa wayemashumi mathathu ubudala uJosefu. Wemka ebhotwe, walijikeleza lonke elaseJiputa.