2. Wacaphuka ukumkani zizenzo zala madoda,
3. wawafaka ke entolongweni kumzi wenduna yabalindi, apho kwakugcinwe khona uJosefu.
4. Bahlala ke entolongweni apho, yaza induna yenza uJosefu umququzeleli wabo.
5. Ngabusuku buthile bakuba besentolongweni ithutyana, injoli yaba nephupha, kwanaye nombhaki waba nelakhe iphupha. Amaphupha abo ayethetha izinto ngezinto.
6. Akufika kubo uJosefu ngentsasa, wababona bematshekile.
7. Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”
8. Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.”“NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”
9. Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam,
10. unamasebe amathathu. Kuthe nje kuvele amagqabi, kwantshula iintyatyambo, neediliya zavuthwa.
11. Bendiphethe indebe kakumkani, ndazikha iidiliya ezo, ndazikhamela endebeni, ndazinika ukumkani.”
12. Uthe uJosefu: “Nantsi into ethethwa leli phupha lakho: Amasebe amathathu ziintsuku ezintathu.