10. unamasebe amathathu. Kuthe nje kuvele amagqabi, kwantshula iintyatyambo, neediliya zavuthwa.
11. Bendiphethe indebe kakumkani, ndazikha iidiliya ezo, ndazikhamela endebeni, ndazinika ukumkani.”
12. Uthe uJosefu: “Nantsi into ethethwa leli phupha lakho: Amasebe amathathu ziintsuku ezintathu.
13. Ngeentsuku ezintathu ukumkani uza kukukhulula, akuxolele, akubuyisele emsebenzini wakho. Uza kubuya ube yinjoli yendebe yakhe njengoko ubuyiyo ngaphambili.
14. Uzuncede ke kodwa, ungandilibali xa izinto sezikulungele, uncede uthethe ngam kukumkani, ndikhululwe kule ntolongo.
15. Ikakade mna ndebiwa kwilizwe lamaHebhere, ukanti nalapha eJiputa akukho nto ndiyenzileyo ibinokundingenisa entolongweni.”
16. Uthe naye umbhaki wezonka, akubona ukuba into iphupha lenjoli eliyithethayo iyanandipheka, naye walilawula kuJosefu iphupha lakhe, esithi: “Mna, kwelam iphupha bendithwele ngentloko iibhaskiti ezintathu.
17. Kwephezulu ibhaskiti bekukho zonke iindidi zokutya kukakumkani okwenziwa ngumbhaki, kwafika iintaka zakuxhola.”
18. UJosefu uthe: “Nantsi into ethethwa liphupha lakho: Iibhaskiti ezintathu zithetha iintsuku ezintathu.
19. Ukumkani uza kukukhulula ngeentsuku ezintathu, kodwa uza kunqunyulwa intloko, uze uxhonywe esibondeni, zize iintaka zikuxhole.”
20. Ngomhla wokukhunjulwa kokuzalwa kukakumkani, ngemva kweentsuku ezintathu ukususela koku, ukumkani wenzela iindedeba zasebhotwe itheko. Wayikhulula injoli nombhaki, beziswa phambi kwezo ndedeba.
21. Injoli yabuyiselwa kumsebenzi wayo ebikade iwenza,
22. kodwa yena umbhaki wanqunyulwa intloko. Kwaba njengokutsho kukaJosefu.
23. Kodwa injoli yamlibala kwaphela uJosefu.