23. Wathi uLameki kubafazi bakhe:“Ada noZila, khanive bethu;bafazi bakaLameki, bekani iindlebe.Ndombulala umntu ondibethayo,umfana ondenzakalisayo.
24. Ke ukuba umntu wohlwaywa kasixhenxe ngokubulala uKayen,ngamashumi asixhenxe anesixhenxe ngokubulala uLameki.”
25. UAdam nomkakhe baba nomnye unyana. Wathi uEfa: “UThixo undiphe omnye unyana endaweni ka-Abheli owabulawa nguKayen.” Wathi ke igama lakhe nguSeti.
26. USeti wazala unyana, wathi nguEnoshe. Baqala ngoko ke abantu ukunqula igama *likaNdikhoyo.