Eyeziqalo 4:21-26 Ibhayibhile (XHO96)

21. Umntakwabo-Yabhali yayinguYubhali, ongukhokho wazo zonke iimvumi ezidlala iihapu neefleyiti.

22. UZila wazala uThubhali-kayen, owayengumkhandi wezixhobo zokusebenza ezenziwa ngobhedu nangentsimbi. Wayenodade wabo uNama.

23. Wathi uLameki kubafazi bakhe:“Ada noZila, khanive bethu;bafazi bakaLameki, bekani iindlebe.Ndombulala umntu ondibethayo,umfana ondenzakalisayo.

24. Ke ukuba umntu wohlwaywa kasixhenxe ngokubulala uKayen,ngamashumi asixhenxe anesixhenxe ngokubulala uLameki.”

25. UAdam nomkakhe baba nomnye unyana. Wathi uEfa: “UThixo undiphe omnye unyana endaweni ka-Abheli owabulawa nguKayen.” Wathi ke igama lakhe nguSeti.

26. USeti wazala unyana, wathi nguEnoshe. Baqala ngoko ke abantu ukunqula igama *likaNdikhoyo.

Eyeziqalo 4