Eyeziqalo 35:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Wahambela mganyana uYakobi, wafika wemisa malunga neMigdali-edere.

22. Ngethuba wayesekuloo mmandla uSirayeli, uRubhen walala noBhiliya, elinye lamaqadi abafazi bakayise uSirayeli. Wayiva loo nto uSirayeli.UYakobi wayenoonyana abalishumi elinambini.

23. Oonyana abazalwa nguLeya yayinguRubhen, izibulo likaYakobi, noSimon, noLevi, noJuda; uIsakare noZebhulon.

24. Oonyana abazalwa nguRakeli yayinguJosefu noBhenjamin.

25. Oonyana bempelesi kaRakeli uBhiliya yayinguDan noNafetali.

26. Oonyana bempelesi kaLeya uZilipha yayinguGadi noAshere. Aba nyana bazalelwa ePadan-aram.

27. UYakobi waya kuyise eMamre kufuphi neHebron, ekwakusithiwa yiKiriyati-arbha, apho babemi khona ooAbraham noIsake.

28. UIsake uhleli iminyaka elikhulu linamashumi asibhozo.

Eyeziqalo 35