Eyeziqalo 35:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wathi uThixo kuYakobi: “Hamba ngoku uye kuhlala eBhetele. Uze ufike undenzele iqonga lamadini apho. Mna ndingulaa Thixo wavela kuwe xeshikweni wawubaleka umkhuluwa wakho uEsawu.”

2. UYakobi ke wayalela intsapho nezicaka zakhe wathi: “Yahlukanani *noothixo basemzini abaphakathi kwenu, nihlambuluke, ninxibe mpahla zimbi.

3. Siza kumka apha, sifudukele eBhetele, apho ndiya kumisa khona iqonga lamadini loThixo owandikhulula engxakini nobesoloko enam naphi na apho ndikhoyo.”

Eyeziqalo 35