Eyeziqalo 34:29-31 Ibhayibhile (XHO96)

29. Yonke into enexabiso bahamba nayo, bathatha bonke abafazi nabantwana kunye nempahla yezindlu.

30. UYakobi wathi kuSimon noLevi: “Nina nindibangela ingxwaba-ngxwaba ngale nto. Ngoku ndiza kucatshukelwa ngabantu bonke, amaKanana kunye namaPerezi. Andinamadoda maninzi mna. Ukuba bona banokudibana bandihlasele ungatshabalala wonke umzi wam.”

31. Bamphendula ngelithi: “Besingenakuyeka udadethu aphathwe njengehenyukazi.”

Eyeziqalo 34