2. UShekem, unyana kaHamore umHivi inkosi yaloo mmandla, wambona, wemka naye, wazithathel' isondo kuye.
3. Wasuka wathi ti yiloo ntombi uShekem, wayithanda, wazama ukuzicengezela kuyo.
4. Waxelela uyise ukuba makamthathele yona ibe ngumkakhe.
5. Weva uYakobi ukuba intombi yakhe yonakele. Kodwa ngenxa yokuba babengekho oonyana bakhe, besemadlelweni, akazange enze nto kwada kwabuya bona.