Eyeziqalo 34:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngamhla uthile uDayina intombi kaYakobi noLeya waya kubutha kwezinye iintombi zaseKanana.

2. UShekem, unyana kaHamore umHivi inkosi yaloo mmandla, wambona, wemka naye, wazithathel' isondo kuye.

3. Wasuka wathi ti yiloo ntombi uShekem, wayithanda, wazama ukuzicengezela kuyo.

4. Waxelela uyise ukuba makamthathele yona ibe ngumkakhe.

5. Weva uYakobi ukuba intombi yakhe yonakele. Kodwa ngenxa yokuba babengekho oonyana bakhe, besemadlelweni, akazange enze nto kwada kwabuya bona.

6. Uyise kaShekem uHamore waya kuthetha noYakobi.

7. Kwakuxa kanye babuyayo emadlelweni oonyana bakaYakobi. Bothuka, bakhathazeka kakhulu bakuyiva into embi kangaka eyenziwe nguShekem yokunyelisa amaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, nto leyo ingenziwayo kwaSirayeli.

8. UHamore wenjenje ebhekisa kuYakobi: “Unyana wam uShekem uyayithanda le ntombi yakho. Ndiyakucela ke, mvumele ayithathe.

Eyeziqalo 34