Eyeziqalo 34:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngamhla uthile uDayina intombi kaYakobi noLeya waya kubutha kwezinye iintombi zaseKanana.

2. UShekem, unyana kaHamore umHivi inkosi yaloo mmandla, wambona, wemka naye, wazithathel' isondo kuye.

3. Wasuka wathi ti yiloo ntombi uShekem, wayithanda, wazama ukuzicengezela kuyo.

Eyeziqalo 34