Eyeziqalo 31:47-54 Ibhayibhile (XHO96)

47. ULabhan wathi loo ndawo yiJegare-saduta, uYakobi wathi yiGaledi.

48. ULabhan wathi kuYakobi: “Le ngqumba yamatye iya kuba sisikhumbuzo kuthi.” Yiyo loo nto loo ndawo kwathiwa yiGaledi.Oko kukuthi ngesiHebhere “ingqumba yesikhumbuzo”

49. ULabhan wabuya wathi: “Wanga *uNdikhoyo angasijonga naxa sesahlukene.” Yaza loo ndawo kwathiwa yiMizpa.

50. Waqhuba wathi uLabhan: “Ukuba ukhe wabaphatha kakubi abantwana bam, okanye wathatha bafazi bambi, nokuba andiyazanga loo nto, uzukhumbule ukuba uThixo usijongile.

51. Nanga la matye afunjwe apha, phakathi kwethu; nali nelitye lesikhumbuzo.

52. Zizombini ke ezo zinto zisisikhumbuzo. Andisoze ndidlule apha ndize kukuhlasela; nawe ungaze uzidlule uze kundihlasela.

53. NguThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, oya kusigweba.” Waza ke uYakobi wafunga egameni loMhlonitshwa kayise uIsake.

54. Waxhela, wenza idini apho, wamemela izihlobo zakhe esidlweni. Bakugqiba ukutya bahlala kuloo ntaba ubusuku bonke.

Eyeziqalo 31