Eyeziqalo 31:18-25 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wayiqhuba yonke loo mihlambi wayifumana ePadan-aram, wenjenjeya ukusinga kuyise uIsake eKanana.

19. ULabhan wayeye kucheba iigusha zakhe. Lo gama angekhoyo uRakeli waya kuba *imilonde-khaya kuyise.

20. UYakobi yena wamkhohlisa uLabhan ngokungamazisi uLabhan ukuba uyemka.

21. Wathatha konke okwakhe, wemka ngokungxama. Waya kuwela umlambo iEfrati, wenjenjeya ejonge kweleenduli eGiliyadi.

22. Emva kweentsuku ezintathu uLabhan weva ukuba uYakobi ubalekile.

23. Wahamba nezihlobo zakhe, basukela iintsuku zada zasixhenxe, bamfumana kwezo nduli zeGiliyadi.

24. Ngobo busuku uThixo wavela ngephupha kuLabhan, wathi: “Uze ulumke, ungathethi nto kuYakobi konke, nenjani na.”

25. ULabhan wafika uYakobi emise kwezo nduli zeGiliyadi, waza yena namadoda awayehamba nawo wemisa kwalapho.

Eyeziqalo 31