Eyeziqalo 30:9-15 Ibhayibhile (XHO96)

9. Uthe ke uLeya akuziqonda ukuba akasazali, wanika uYakobi impelesi yakhe uZilipha ukuba ibe liqadi lakhe.

10. Wazala inkwenkwe uZilipha.

11. Wathi uLeya: “Ndisikelelekile.” Wathi ke igama layo nguGadi.

12. UZilipha wazala enye inkwenkwe.

13. Wathi uLeya: “Andisavuyi ngako! Nabanye abafazi baza kuthi ndiyavuya.” Kwathiwa ke loo nkwenkwe nguAshere.

14. Xa kwakuvunwa ingqolowa, uRubhen wafumana imithuma yentando emasimini, wayisa kuLeya unina. URakeli wathi kuLeya: “Khawundiphe emithumeni leyo ifunyenwe ngumntwanakho.”ULeya wathi:

15. “Yho! Hleli nje, kanti akwanelanga kukuhlutha indoda yam! Ngoku selufun' ukundihlutha nemithuma le yomntwanam!”Wathi uRakeli: “Kanti ungalala naye ngokuhlwanje uYakobi, ukuba uyandipha.”

Eyeziqalo 30