Eyeziqalo 27:5-19 Ibhayibhile (XHO96)

5. URabheka wayephulaphule wonke lo gama uIsake athetha noEsawu. Uthe akuya kuzingela uEsawu,

6. waya kuYakobi uRabheka, wathi: “Ndive uyihlo esithi uEsawu

7. makamphathele inyama yenyamakazi, amphekele ukutya okunencasa, atye, khon' ukuze amsikelele ngoku engekafi.

8. Ke, mfo wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona.

9. Yiya phaya kulaa mhlambi, uze namatakane amabini atyebileyo eebhokhwe. Ndiza kuphekela uyihlo ukutya akuthanda kakhulu.

10. Kuya kusiwa nguwe kuyihlo, ukuze akusikelele engekafi.”

11. Kodwa uYakobi yena uthe kunina: “Usazi nje ukuba uEsawu lixhonti, ndibe mna ndimpuluswa!

12. Ukuba ubawo undivile ngesandla, waqonda ukuba ndiyamkhohlisa, ayiyi kundizisela isiqalekiso loo nto endaweni yeentsikelelo?”

13. Uthe unina: “Siya kuba phezu kwam eso siqalekiso, mfo wam. Yenza le nto ndithi yenze wena; yiza nalaa matakane.”

14. Waya kuwathatha ke uYakobi, wawasa kunina, wapheka okona kutya kunencasa kuthandwa nguIsake.

15. URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi.

16. Wamgquma izandla ngofele lwebhokhwe, wamthandela nasentanyeni.

17. Wamnika oko kutya kunencasa kunye nesonka awayesibhakile.

18. UYakobi wafika kuyise, wathi: “Tata!”Usabele wathi uyise: “Thetha; ungubani, mfo wam?”

19. Uthe uYakobi: “NdinguEsawu, unyana omkhulu. Ndiyenzile into obundithume yona. Nantsi inyama. Vuka utye, uze undisikelele.”

Eyeziqalo 27