Eyeziqalo 27:11-15 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kodwa uYakobi yena uthe kunina: “Usazi nje ukuba uEsawu lixhonti, ndibe mna ndimpuluswa!

12. Ukuba ubawo undivile ngesandla, waqonda ukuba ndiyamkhohlisa, ayiyi kundizisela isiqalekiso loo nto endaweni yeentsikelelo?”

13. Uthe unina: “Siya kuba phezu kwam eso siqalekiso, mfo wam. Yenza le nto ndithi yenze wena; yiza nalaa matakane.”

14. Waya kuwathatha ke uYakobi, wawasa kunina, wapheka okona kutya kunencasa kuthandwa nguIsake.

15. URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi.

Eyeziqalo 27