1. Akwaluphala uIsake, namehlo akhe selenorhatyazo, ubize unyana wakhe omkhulu, wathi kuye: “Nyana wam!”Uthe ke yena: “Ndim lo, tata.”
2. Uthe uIsake: “Ndiyabona ukuba sendaluphele ngoku, ndaye ndingazi nokuba ndingafa nini na.
3. Thatha utolo lwakho, uye kuzingela, undiphathele inyama yenyamakazi.
4. Ndifuna undiphekele ukutya okunencasa, okona ndikuthandayo; undizisele nditye, ze ndikusikelele ndingekafi.”
5. URabheka wayephulaphule wonke lo gama uIsake athetha noEsawu. Uthe akuya kuzingela uEsawu,
6. waya kuYakobi uRabheka, wathi: “Ndive uyihlo esithi uEsawu
7. makamphathele inyama yenyamakazi, amphekele ukutya okunencasa, atye, khon' ukuze amsikelele ngoku engekafi.