9. UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ingumkakho nje lo, kutheni le nto uhamba usithi ngudade wenu?”Uthe uIsake: “Ndoyika ukubulawa ngenxa yakhe.”
10. Uthe uAbhimeleki: “Imbi le nto uyenzileyo. Enye indoda ibisenokulala nomkakho, loo nto ke isifake etyaleni.”
11. Wabayala ke bonke abantu uAbhimeleki ukuba bangabakhathazi ooIsake nomkakhe, esithi owenjenjalo wobulawa.
12. UIsake walima amasimi akhe ngaloo nyaka, isivuno sakhe saba sikhulu ngokuphinda-phindeneyo, kuba kaloku uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.
13. Waya ehluma wada wasisinhanha somfo.
14. AmaFilistiya ammonela ngenxa yemihlambi awayenayo yeegusha neenkomo, nezicaka ezininzi.
15. Asuka ayidiba yonke imithombo eyembiwa zizicaka zikayise uAbraham.