Eyeziqalo 26:19-26 Ibhayibhile (XHO96)

19. Izicaka zikaIsake zemba kuloo ntlambo, zafumana iliso lomthombo.

20. Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.

21. Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.

22. Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”

23. Wanduluka nalapho uIsake, wasinga eBheshebha.

24. UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.”

25. Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.

26. UAbhimeleki weza evela eGerare, ehamba kunye noAwuzati, iphakathi lakhe, kunye noPikoli, umphathi-mkhosi, behambele uIsake.

Eyeziqalo 26