Eyeziqalo 24:50-53 Ibhayibhile (XHO96)

50. Bathe ukuphendula ooLabhan noBhetuweli: “Asingethi: ‘Hayi,’ okanye: ‘Ewe;’ kuba sijongile nje ngathi le nto ayiyodwa, inomnwe kaNdikhoyo kuyo.

51. Nanku uRabheka, ukho; mthathe uhambe naye, aye kwendela kunyana wenkosi yakho, njengoko ebonile uNdikhoyo.”

52. Yakuyiva loo nto induna ka-Abraham yaguqa yathandaza ibonga uNdikhoyo.

53. Ikhuphe izambatho ezihle, nezacholo zegolide nezesiliva, yazinika uRabheka. Iphe nomnakwabo kunye nonina izipho zexabiso.

Eyeziqalo 24