Eyeziqalo 20:14-17-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. UAbhimeleki wambuyisela kuAbraham uSara, wabuya wamnqoma ngeegusha neenkomo, wamnika nezicaka.

15. Wathi kuAbraham: “Ngumhlaba wam lo; ungema apho uthanda khona.”

16. Ubuye wathi kuSara: “Umntakwenu ndiza kumnika iwaka leesiliva, ukuze wonke ubani azi ukuba akunatyala.”

17-18. Ngenxa yale nto yehlela uSara, uThixo wabavala bonke abafazi bakomkhulu, ababi nanzala. UAbraham ke wathandazela uAbhimeleki kuThixo, waza wamphilisa uThixo. Kwaphila nomkakhe kunye nezicakazana zakhe, bonke bakhululeka.

Eyeziqalo 20