14. UAbhimeleki wambuyisela kuAbraham uSara, wabuya wamnqoma ngeegusha neenkomo, wamnika nezicaka.
15. Wathi kuAbraham: “Ngumhlaba wam lo; ungema apho uthanda khona.”
16. Ubuye wathi kuSara: “Umntakwenu ndiza kumnika iwaka leesiliva, ukuze wonke ubani azi ukuba akunatyala.”
17-18. Ngenxa yale nto yehlela uSara, uThixo wabavala bonke abafazi bakomkhulu, ababi nanzala. UAbraham ke wathandazela uAbhimeleki kuThixo, waza wamphilisa uThixo. Kwaphila nomkakhe kunye nezicakazana zakhe, bonke bakhululeka.