10. Kwakukho umlambo owawuphuma apho eIdeni, unyakamisa umyezo lowo. Wawusahlukana ube yimilambo emine wakuyishiya i-Ideni.
11. Owokuqala umlambo, okuthiwa yiPishoni, ngulo ujikeleze ilizwe lakwaHavila.
12. Kulapho kufunyanwa khona igolide, kunye namakha avumba limnandi, kwakunye namatye exabiso.
13. Owesibini umlambo yiGihoni; wona ujikeleze ilizwe lakwaKushe.
14. Owesithathu umlambo yiTigre; wona ucanda ngasempumalanga yeAsiriya. Owesine yiEfrati.
15. Umntu wabekwa nguNdikhoyo uThixo emyezweni waseIdeni ukuze awulime, awulondoloze.
16. UThixo wathi kuye: “Ungatya nakuwuphi na umthi osemyezweni;
17. kodwa uze ungatyi kumthi wokucalula okubi nokuhle. Mhla watya kuwo ngenene uya kufa.”
18. Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”