Eyeziqalo 19:35-38 Ibhayibhile (XHO96)

35. Baphinda ke bamntyintya nangobo busuku, yamambatha nencinci intombi. Wayenxile engayazi into eqhubekayo.

36. Yaba njalo ke into yokumitha kweentombi zikaLothe, zimithiswe nguyise.

37. Intombi enkulu yazala inkwenkwe, eyathi igama layo nguMowabhi. Nguye lo ungukhokho wamaMowabhi.

38. Intombi encinci yazala inkwenkwe nayo, yathi igama layo nguBhenami. Yena ngukhokho wama-Amon.

Eyeziqalo 19