Eyeziqalo 19:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngentseni izithunywa zamxhesha uLothe, zathi: “Gxabha-gxabhisa, ndoda, umke apha neentombi zakho kunye nomkakho. Kungenjalo uya kutshabalala xa kusohlwaywa le dolophu.”

16. Unge angazila-zila, suka zambamba ngesandla, zamkhuphela ngaphandle kwedolophu kunye nomkakhe neentombi zakhe. Kaloku uNdikhoyo wamenzela inceba uLothe.

17. Bakuba bengaphandle kwedolophu, esinye isithunywa sathi: “Balekani ukuze nisinde. Ze ningakhangeli ngasemva, ningemi nokuma phaya entilini. Balekelani phaya endulini, kungenjalo nani nakutshabalala.”

18. “Hayini noko, nkosi,” utshilo uLothe, “sanukundenjenjalo.

19. Sele undincedile kakade ngokundisindisa; noko kukude kakhulu phaya endulini. Le ntlekele isenokundifumana, ndife singekafiki nalapho.

20. Uyayibona laa dolophana? Ikufuphi noko yona. Yidolophana nje engenkulu. Mna ndithi ngesele ndisiya khona ukuze ndikhuseleke.”

Eyeziqalo 19