Eyeziqalo 19:12-31 Ibhayibhile (XHO96)

12. Athe kuLothe la madoda mabini: “Ngaba kusekho mntu wumbi na apha – nokuba ngoonyana, nokuba ziintombi zakho, nabayeni beentombi, nasiphi na isizalwana sakho? Yitsho bemke apha.

13. Kaloku le dolophu siza kuyitshabalalisa. Isikhalo esivakele ngayo sibi kangangokuba sithunywe *nguNdikhoyo ukuba size kuyibhubhisa iSodom.”

14. ULothe ke waya kuxelela amasoka eentombi zakhe ukuba makumkiwe eSodom, kuba uNdikhoyo wayeza kuyibhubhisa. Kodwa wona aba uyaqhula nje.

15. Ngentseni izithunywa zamxhesha uLothe, zathi: “Gxabha-gxabhisa, ndoda, umke apha neentombi zakho kunye nomkakho. Kungenjalo uya kutshabalala xa kusohlwaywa le dolophu.”

16. Unge angazila-zila, suka zambamba ngesandla, zamkhuphela ngaphandle kwedolophu kunye nomkakhe neentombi zakhe. Kaloku uNdikhoyo wamenzela inceba uLothe.

17. Bakuba bengaphandle kwedolophu, esinye isithunywa sathi: “Balekani ukuze nisinde. Ze ningakhangeli ngasemva, ningemi nokuma phaya entilini. Balekelani phaya endulini, kungenjalo nani nakutshabalala.”

18. “Hayini noko, nkosi,” utshilo uLothe, “sanukundenjenjalo.

19. Sele undincedile kakade ngokundisindisa; noko kukude kakhulu phaya endulini. Le ntlekele isenokundifumana, ndife singekafiki nalapho.

20. Uyayibona laa dolophana? Ikufuphi noko yona. Yidolophana nje engenkulu. Mna ndithi ngesele ndisiya khona ukuze ndikhuseleke.”

21. Sithe isithunywa: “Kulungile ke. Andiyi kuba sayitshabalalisa loo dolophana uthetha ngayo.

22. Kodwa ke khawuleza ukuya apho, kuba akukho nto ndinokuyenza de ube ulapho.” Yiyo ke loo dolophu kuthiwa yiZoware.

23. Laliseliphumile ilanga ukufika kukaLothe eZoware.

24. *UNdikhoyo wathobela isalfa evuthayo phezu kweSodom neGomora,

25. wazibhubhisa kunye naloo ntili yonke, kunye nabo bonke abantu ababelapho, nento yonke ehlumayo.

26. Umka-Lothe wajonga ngasemva, suka wajika waba yintsika yetyuwa.

27. UAbraham wavuka kwakusasa, waya kulaa ndawo wayemi noNdikhoyo kuyo.

28. Wakhangela ezantsi eSodom naseGomora nakuloo ntili, wabona kukho ukuqhuma okungathi ngumsi ophuma eziko.

29. Kodwa uThixo wasikhumbula isicelo sika-Abraham ukubhubhisa kwakhe loo ntili, wamsindisa uLothe.

30. ULothe woyika ukuhlala eZoware. Uthe ngenxa yoko wenyukela ezintabeni kunye neentombi zakhe, wahlala emqolombeni.

31. Yathi intombi enkulu kudade wayo: “Ubawo uyaluphala, yaye akukho madoda apha kule ndawo angasitshatayo sizale.

Eyeziqalo 19