Eyeziqalo 18:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabonakala kuAbraham ngakwimithi kaMamre. UAbraham wayehleli ngasemnyango wentente emini emaqanda.

2. Nako kusithi thu amadoda amathathu. Uthe ke ukuwabona kwakhe wakhawuleza ukuwahlangabeza, wafika waqubuda ekhahlela.

3. “Bahlekazi,” utshilo kuwo, “noko sanukudlula emzini wam ningakhanga nikhe nithule imithwalo. Kaloku ndikholo nina apha.

4. Ndinganiphathela amanzi, nikhe nihlambe iinyawo, lo gama nisaphumle phantsi kwalo mthi.

5. Ndiza kuniphathela nento etyiwayo, ukuze nifumane amandla endleleni. Nakuthi ke nandule ukuhamba loo ndlela yenu inidlulise ekhaya apha.”Athe ke wona amadoda: “Ngxatsho ke, ungénjenjalo.”

Eyeziqalo 18