Eyeziqalo 10:5-23 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngabo abangookhokho babantu ababegudle unxweme nabo babeseziqithini. Yinzala kaYafete ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

6. Oonyana bakaHam nguKushe, uMizerayim, uPuti, noKanana.

7. Inzala kaKushe yaba ngamaSebha, amaHavila, amaSabheta, amaRama, namaSabheteka. Inzala kaRama ngamaShebha namaDedan.

8. UKushe wayenonyana ogama linguNimrodi, owaba lelona kroti libalaseleyo elizweni.

9. Ngoncedo *lukaNdikhoyo waba lichebesha lezingela. Yiyo ke loo nto kuthiwa xa kuthethwayo: “Wanga uNdikhoyo angakupha amandla, ube lizingela, ufuze uNimrodi.”

10. Lwaqala eBhabheli, e-Ereki, naseAkadi ulawulo lwakhe. Zontathu ezo ndawo zikwelaseBhabheli.

11. Ukusuka apho waya eAsiriya apho wakha isixeko saseNiniva, esaseRehobhoti-ire, nesaseKala,

12. kunye neRezen emi phakathi kweNiniva nesixekokazi iKala.

13. Inzala kaMizerayim yaba ngamaLudi, ama-Anam, amaLehabhi, amaNafetuyi,

14. amaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwakuvela khona amaFilistiya namaKafto.

15. Oonyana bakaKanana nguSidon owamazibulo, kunye noHeti,

16. noJebhusi, noAmori, noGirgashi,

17. noHivi, noAreki, noSini,

18. noArvadi, noZemari, noHamati. Izizwe ngezizwe zakwaKanan zathi saa,

19. yada imida yazo yaya kuthi xhaxhe ngeSidon, yada yaya kutsho eGerari ngaseGaza, yenjenjeya ukuya eSodom naseGomora, eAdama naseZebhoyim kufuphi neLasha.

20. Yinzala kaHam ke le eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, sizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

21. UShem, umkhuluwa kaYafete, waba ngukhokho wamaHebhere.

22. Oonyana bakhe nguElam, uAsuri, uArpakishadi, uLudi, noAram.

23. Inzala ka-Aram yaba ngamaUzi, amaHuli, amaGetere, namaMahi.

Eyeziqalo 10