Eyeziqalo 10:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Inzala kaGomere ngama-Ashkenezi, amaRifati, namaTogarma.

4. Inzala kaJavan yona ngamaElisha, amaTashishe, amaKiti, namaDodan.

5. Ngabo abangookhokho babantu ababegudle unxweme nabo babeseziqithini. Yinzala kaYafete ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

6. Oonyana bakaHam nguKushe, uMizerayim, uPuti, noKanana.

7. Inzala kaKushe yaba ngamaSebha, amaHavila, amaSabheta, amaRama, namaSabheteka. Inzala kaRama ngamaShebha namaDedan.

8. UKushe wayenonyana ogama linguNimrodi, owaba lelona kroti libalaseleyo elizweni.

9. Ngoncedo *lukaNdikhoyo waba lichebesha lezingela. Yiyo ke loo nto kuthiwa xa kuthethwayo: “Wanga uNdikhoyo angakupha amandla, ube lizingela, ufuze uNimrodi.”

10. Lwaqala eBhabheli, e-Ereki, naseAkadi ulawulo lwakhe. Zontathu ezo ndawo zikwelaseBhabheli.

Eyeziqalo 10