Eyeziqalo 10:17-30 Ibhayibhile (XHO96)

17. noHivi, noAreki, noSini,

18. noArvadi, noZemari, noHamati. Izizwe ngezizwe zakwaKanan zathi saa,

19. yada imida yazo yaya kuthi xhaxhe ngeSidon, yada yaya kutsho eGerari ngaseGaza, yenjenjeya ukuya eSodom naseGomora, eAdama naseZebhoyim kufuphi neLasha.

20. Yinzala kaHam ke le eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, sizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

21. UShem, umkhuluwa kaYafete, waba ngukhokho wamaHebhere.

22. Oonyana bakhe nguElam, uAsuri, uArpakishadi, uLudi, noAram.

23. Inzala ka-Aram yaba ngamaUzi, amaHuli, amaGetere, namaMahi.

24. UArpakishadi wazala uShela, owazala uHebhere.

25. UHebhere wazala oonyana ababini. Omnye nguPelege, kuba ngexesha lakhe abantu babahlulelene elizweni, omnye yayinguJoketan.

26. Inzala kaJoketan yaba ngama-Alemodadi, amaShelefe, amaHazare-mavete, amaJera,

27. amaHadoram, amaUzali, amaDikela,

28. amaObhali, ama-Abhimayeli, amaShebha,

29. amaOfire, amaHavila, namaJobhabhi. Zonke ezi zizwe yinzala kaJoketan.

30. Umhlaba ababemi kuwo wawusuka eMesa uye kuthi xhaxhe ngeZefara kweleentaba empumalanga.

Eyeziqalo 10