Eyeziqalo 10:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanga amagqabantshintshi ngoonyana bakaNowa, uShem noHam noYafete. Kaloku nabo bazala oonyana emva kwemvulakazi kanogumbe.

2. Oonyana bakaYafete naba: nguGomere, uMagogi, uMadayi, uJavan, noTubhali, uMesheki, noTisari.

3. Inzala kaGomere ngama-Ashkenezi, amaRifati, namaTogarma.

4. Inzala kaJavan yona ngamaElisha, amaTashishe, amaKiti, namaDodan.

5. Ngabo abangookhokho babantu ababegudle unxweme nabo babeseziqithini. Yinzala kaYafete ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

6. Oonyana bakaHam nguKushe, uMizerayim, uPuti, noKanana.

7. Inzala kaKushe yaba ngamaSebha, amaHavila, amaSabheta, amaRama, namaSabheteka. Inzala kaRama ngamaShebha namaDedan.

8. UKushe wayenonyana ogama linguNimrodi, owaba lelona kroti libalaseleyo elizweni.

9. Ngoncedo *lukaNdikhoyo waba lichebesha lezingela. Yiyo ke loo nto kuthiwa xa kuthethwayo: “Wanga uNdikhoyo angakupha amandla, ube lizingela, ufuze uNimrodi.”

10. Lwaqala eBhabheli, e-Ereki, naseAkadi ulawulo lwakhe. Zontathu ezo ndawo zikwelaseBhabheli.

11. Ukusuka apho waya eAsiriya apho wakha isixeko saseNiniva, esaseRehobhoti-ire, nesaseKala,

12. kunye neRezen emi phakathi kweNiniva nesixekokazi iKala.

13. Inzala kaMizerayim yaba ngamaLudi, ama-Anam, amaLehabhi, amaNafetuyi,

14. amaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwakuvela khona amaFilistiya namaKafto.

Eyeziqalo 10