19. Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.
20. UThixo wathi: “Makubekho inyambalala yeendidi zezinto ezinobomi emanzini, kubekho neentaka eziphaphazelayo esibhakabhakeni.”
21. Wabadala ke uThixo oominenga nezinye iintlobo-ntlobo zezilo zamanzi, neentlobo zonke zeentaka. Wakholwa ke uThixo zizo.
22. Wazithamsanqelisa zonke, wathi: “Mazande izilo zamanzi, zinyakazele elwandle. Neentaka nazo mazande emhlabeni.”
23. Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesihlanu lowo.
24. Kwakhona uThixo uthe umhlaba mawuvelise iintlobo zonke zezinto ezinobomi: oozinkomo, izinto ezirhubuluzayo nezinambuzane, nazo zonke iindidi zamarhamncwa. Kwaba njalo ke.
25. Wazenza zonke ke uThixo izilo ngokweendidi zazo, noozinkomo ngokweendidi zazo, nezilwanyane ezirhubuluzayo nezinambuzane ngokweendidi zazo. Waza ke uThixo wakholwa zezo zinto.
26. Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”
27. Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.
28. Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.
29. Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto.
30. Ke zona iintaka nezilo zonke ziya kutya uhlaza.” Kwaba njalo ke.
31. UThixo wakholwa kakhulu yiyo yonke indalo yakhe. Kwahlwa, kwasa; yaba ngumhla wesithandathu ke lowo.