Eyeziqalo 1:18-24 Ibhayibhile (XHO96)

18. zongamele imini kunye nobusuku, nokuze zahlule ukukhanya nobumnyama. Wakholwa uThixo nazizo.

19. Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.

20. UThixo wathi: “Makubekho inyambalala yeendidi zezinto ezinobomi emanzini, kubekho neentaka eziphaphazelayo esibhakabhakeni.”

21. Wabadala ke uThixo oominenga nezinye iintlobo-ntlobo zezilo zamanzi, neentlobo zonke zeentaka. Wakholwa ke uThixo zizo.

22. Wazithamsanqelisa zonke, wathi: “Mazande izilo zamanzi, zinyakazele elwandle. Neentaka nazo mazande emhlabeni.”

23. Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesihlanu lowo.

24. Kwakhona uThixo uthe umhlaba mawuvelise iintlobo zonke zezinto ezinobomi: oozinkomo, izinto ezirhubuluzayo nezinambuzane, nazo zonke iindidi zamarhamncwa. Kwaba njalo ke.

Eyeziqalo 1