10. Wathi uThixo loo ndawo ingenamanzi ngumhlaba, waza wathi loo manzi andawonye wona lulwandle. Wakholwa ke yiloo nto uThixo.
11. Ubuye wathi umhlaba mawuvelise zonke iintlobo zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezithwala iziqhamo, zonke ngokweendidi zazo. Kwaba njalo ke.
12. Umhlaba ke wavelisa zonke iindidi zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezo zithwala iziqhamo ngokweendidi zazo. UThixo ke wakholwa yiloo nto.
13. Kwahlwa ke, kwaza kwasa. Lowo ke yaba ngumhla wesithathu.
14. Kwakhona uThixo wathi: “Makuvele izikhanyiso esibhakabhakeni, zahlukanise imini nobusuku, zibe yimiqondiso yamathuba, imihla, neminyaka.”
15. Wathi: “Mazivele esibhakabhakeni, zikhanyise elizweni.” Kwaba njalo ke.
16. UThixo wênza izikhanyiso ezibini ezikhulu: esikhulu sibe sesasemini, esincinane sibe sesasebusuku. Wênza neenkwenkwezi.
17. UThixo wazibeka esibhakabhakeni ezo zikhanyiso, ukuze zikhanyise elizweni,
18. zongamele imini kunye nobusuku, nokuze zahlule ukukhanya nobumnyama. Wakholwa uThixo nazizo.
19. Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.
20. UThixo wathi: “Makubekho inyambalala yeendidi zezinto ezinobomi emanzini, kubekho neentaka eziphaphazelayo esibhakabhakeni.”
21. Wabadala ke uThixo oominenga nezinye iintlobo-ntlobo zezilo zamanzi, neentlobo zonke zeentaka. Wakholwa ke uThixo zizo.