1. Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba.
2. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
3. Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.
4. Wakholwa ke uThixo koko kukhanya, waza wakwahlula ukukhanya nobumnyama.
5. Wathi ukukhanya yimini; wathi ubumnyama bona bubusuku. Kwahlwa, kwasa; yangumhla wokuqala ke lowo.
6. Wabuya uThixo wathi makubekho amajukujuku, awahlule kubini amanzi.
7. Abakho ke amajukujuku. Wawenza ke uThixo amajukujuku, wawahlula amanzi angaphantsi kwawo kumanzi angaphezu kwawo.
8. Wathi uThixo amajukujuku lawo sisibhakabhaka. Kwahlwa, kwabuya kwasa; yaba ngumhla wesibini ke lowo.
9. Wandula uThixo ukuthi amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka makaqokeleleke ndawonye, kuze kuvele indawo engenamanzi. Kwaba njalo ke.
10. Wathi uThixo loo ndawo ingenamanzi ngumhlaba, waza wathi loo manzi andawonye wona lulwandle. Wakholwa ke yiloo nto uThixo.
11. Ubuye wathi umhlaba mawuvelise zonke iintlobo zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezithwala iziqhamo, zonke ngokweendidi zazo. Kwaba njalo ke.
12. Umhlaba ke wavelisa zonke iindidi zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezo zithwala iziqhamo ngokweendidi zazo. UThixo ke wakholwa yiloo nto.
13. Kwahlwa ke, kwaza kwasa. Lowo ke yaba ngumhla wesithathu.
14. Kwakhona uThixo wathi: “Makuvele izikhanyiso esibhakabhakeni, zahlukanise imini nobusuku, zibe yimiqondiso yamathuba, imihla, neminyaka.”
15. Wathi: “Mazivele esibhakabhakeni, zikhanyise elizweni.” Kwaba njalo ke.
16. UThixo wênza izikhanyiso ezibini ezikhulu: esikhulu sibe sesasemini, esincinane sibe sesasebusuku. Wênza neenkwenkwezi.